Bíblia On Line - Informação bíblica de confiança
Bíblia OnLine
Nova Pesquisa         Todo o Livro         Todo o Capítulo

   Versão: Afrikaanse: Xhosa
 
Atos 16:9 Kwabonakala umbono kuPawulos ebusuku. Kwema ndoda ithile yelaseMakedoni, imbongoza isithi, Wela uze kwelaseMakedoni, usisize.    
Atos 16:10 Ke kaloku, akuwubona umbono lowo, safuna thina kwaoko ukuphuma siye kwelaseMakedoni, sigqibe kwelithi, iNkosi isibizele ukuba sibashumayeze iindaba ezilungileyo.    
Atos 16:11 Sindulukile ngoko ngomkhombe eTrowa, sathi ngqo ukuya eSamotraki, sathi ngengomso seza eNeyapoli;    
Atos 16:12 ukusuka apho, seza eFilipi, owona mzi wokuqala wecala elo lilelaseMakedoni, uyikoloni. Salibala ke kuloo mzi imihla ethile.    
Atos 16:13 Sathi ngomhla wesabatha, saphuma saya ngaphandle komzi ngasemlanjeni, apho umthandazo ubusakwenziwa khona; sahlala phantsi, samana sithetha kubafazi ababebuthelene khona.    
Atos 16:14 Kwaye kuphulaphula intokazi ethile egama linguLidiya, umthengisi weengubo ezibomvu, womzi weTiyatira, emhlonelayo uThixo, entliziyo yayivulayo iNkosi ukuba izinyamekele izinto ezazithethwa nguPawulos.    
Atos 16:15 Ke kaloku, yakuba ibhaptiziwe nendlu yayo, yasibongoza isithi, Ukuba nithi ndikholiwe eNkosini, ngenani endlwini yam, nihlale. Yasizama.    
Atos 16:16 Ke kaloku kwathi, kwakubonÂ’ ukuba siyaya endaweni yokuthandaza, sahlangatyezwa sisicakazana esithile, sinomoya wemilozi; sona besizizuzisa iinkosi zaso inzuzo enkulu ngokuvumisa.    
Atos 16:17 Sona eso sithene mbende noPawulos nathi, samana sidanduluka sisithi, Aba bantu bangabakhonzi bakaThixo Osenyangweni, bona basazisayo indlela yosindiso.    
Atos 16:18 Oko ke sakwenza sona imihla emininzi. Ebindekile ke uPawulos, wathi guququ, wathi kuwo umoya, Ndiyakuthethela egameni likaYesu Kristu ukuba uphume kuso. Waphuma ke kwangelo lixa.    


Veja também: CvvNet



Página anterior    [ 1 2 3 4 ]    Última página