Todo o Livro
Todo o Capítulo
Versão: Afrikaanse: Xhosa
| Jó 13:1 | Yabona, konke oko likubonile iliso lam, Yakuva indlebe yam, yakuqonda.
|
| Jó 13:2 | Njengoko nazi ngako, ndiyazi nam; Andiwi nganeno kwenu.
|
| Jó 13:3 | Kodwa mna ndinga ndingathetha kuSomandla, Ndifuna ukuzihlamba kuThixo.
|
| Jó 13:4 | Kodwa ke nina ningabadyobha ngobuxoki, Ningamagqirha angento nonke niphela.
|
| Jó 13:5 | Anaba benithe tu kanye; Nibe niya kuba nilumkile.
|
| Jó 13:6 | Khaniphulaphule ke ukuzihlamba kwam, Ukuphika komlomo wam nikubazele indlebe.
|
| Jó 13:7 | UThixo niya kumthethelela ngobugqwetha na, Nimthethelele ngenkohliso na?
|
| Jó 13:8 | Niya kumnonelela na, Niphikele uThixo na?
|
| Jó 13:9 | Kolunga na xa athe wanigocagoca? Ninokumgculela na, njengokuba enokugculelwa umntu?
|
| Jó 13:10 | Wonohlwaya inene, Ukuba nithe ngasese nanonelela umntu.
|
Veja também: CvvNet
Página anterior
[
1
2
3
]
Última página
|
|