Bíblia On Line - Informação bíblica de confiança
Bíblia OnLine
Nova Pesquisa         Todo o Livro         Todo o Capítulo

   Versão: Afrikaanse: Xhosa
 
Deuteronômio 31:1 Waya uMoses, wawathetha la mazwi kumaSirayeli onke,    
Deuteronômio 31:2 wathi kuwo, Ndiminyaka ilikhulu elinamanci mabini namhla ndizelwe. Andisenako ukuphuma nokungena; noYehova uthe kum, Akusayi kuyiwela le Yordan.    
Deuteronômio 31:3 NguYehova uThixo wakho owela phambi kwakho; wozitshabalalisa ezo ntlanga phambi kwakho, uzithimbe. NguYoshuwa owela phambi kwakho, njengoko wathethayo uYehova.    
Deuteronômio 31:4 Uya kwenza uYehova kuzo njengoko wenzayo kuSihon nakuOgi, ookumkani bama-Amori, nakwilizwe labo, awabatshabalalisayo;    
Deuteronômio 31:5 azinikele kuni uYehova; nenze kuzo ngokomthetho wonke endiniwiseleyo.    
Deuteronômio 31:6 Yomelelani nikhaliphe: musani ukoyika, musani ukungcangcazela ebusweni bazo. Ngokuba nguYehova uThixo wakho ohamba nawe; akayi kukuyekela, akayi kukushiya.    


Veja também: CvvNet



Página anterior    [ 1 ]    Última página