Bíblia OnLine

Nova Pesquisa         Todo o Livro         Todo o Capítulo

   Versão: Afrikaanse: Xhosa
 
Gênesis 4:11Ngoko uqalekisiwe emhlabeni, owakhamise umlomo wawo ukuba ulithabathe igazi lomninawa wakho esandleni sakho.    
Gênesis 4:12Xenikweni uwusebenzayo umhlaba, awusayi kuphinda ukunike amandla awo; uya kubhadula uphalaphale ehlabathini.    
Gênesis 4:13Wathi uKayin kuYehova, ityala lam likhulu ngokungenakuthwalwa.    
Gênesis 4:14Yabona, undigxdothile namhla phezu komhlaba; ndiya kusithela nasebusweni bakho, ndibhadule ndiphalaphale ehlabathini bathi bonke abantu abandifumanayo bandibulale.    
Gênesis 4:15Wathi uYehova kuye, xa kunjalo, bonke ababulala uKayin kophindezelwa kubo kasixhenxe. UYehova wammisela uKayin umqondiso, ukuze bonke abamfumanayo bangamsiki.    
Gênesis 4:16Waphuma uKayin, wemka ebusweni bukaYehova; wahlala ezweni lakwaKuphalaphala phambi kwe-Eden.    
Gênesis 4:17UKayin wamazi umkakhe, wamitha, wazala uEnoki. Wakha umzi, wawuthiya loo mzi ngegama lonyana wakhe uEnoki.    
Gênesis 4:18UEnoki wazalelwa uIradi; uIradi wazala uMehuyaheli; uMehuyaheli wazala uMetusaheli; uMetusaheli wazala uLameki.    
Gênesis 4:19ULameki wazeka abafazi ababini; igama lomnye belinguAda, igama lowesibini belinguZila.    
Gênesis 4:20UAda wazala uYabhali yena waba nguyise wabahlala ezintenteni, nabafuyileyo.    

   
Veja também: CvvNet



Página anterior    [ 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 ]    Última página