Bíblia OnLine

Nova Pesquisa         Todo o Livro         Todo o Capítulo

   Versão: Afrikaanse: Xhosa
 
Gênesis 4:1Ke kaloku uAdam wamazi uEva umkakhe; wamitha wazala uKayin, wathi, Ndizuze indoda ngoYehova.    
Gênesis 4:2Waphinda wazala umninawa wakhe, uAbheli; uAbheli waba ngumalusi wezimvu, uKayin waba ngumsebenzi womhlaba.    
Gênesis 4:3Kwathi ekupheleni kwamihla ithile, uKayin wathabatha eziqhameni zomhlaba, wazisa umnikelo kuYehova.    
Gênesis 4:4UAbheli wazisa naye, ethabathe kumazibulo ezimvu zakhe, kwezinamanqatha. Waza uYehova wambheka uAbheli nomnikelo wakhe.    
Gênesis 4:5Akambheka uKayin nomnikelo wakhe. Waqumba kunene uKayin, basangana ubuso bakhe.    
Gênesis 4:6Wathi uYehova kuKayin, Yini na ukuba uqumbe, yini na ukuba busangane ubuso bakhe?    
Gênesis 4:7Ukuba uthe walungisa, abuyi kuswabuluka ubuso yini na? Ukuba uthe akwalungisa, isono sibuthumile ngasesangweni, singxamele wena; ke wena, silawule.    
Gênesis 4:8Wathetha uKayin noAbheli umninawa wakhe, kwathi besendle, wesuka uKayin wamvunukela uAbheli umninawa wakhe, wambulala.    
Gênesis 4:9Wathi uYehova kuKayin, Uphi na uAbheli, umninawa wakho? Wathi yena, Andazi; ndingumgcini womninawa wam, yini na?    
Gênesis 4:10Wathi, Wenze ntoni na? Izwi legazi lomninawa wakho liyakhala emhlabeni kum.    

   
Veja também: CvvNet



Página anterior    [ 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 ]    Última página