Bíblia OnLine

Nova Pesquisa         Todo o Livro         Todo o Capítulo

   Versão: Afrikaanse: Xhosa
 
Gênesis 3:5kuba esazi uThixo ukuba, mhlana nithe nadla kuzo, oqabuka amehlo enu, nibe njengoThixo, nazi okulungileyo nokubi.    
Gênesis 3:6Wabona umfazi ukuba umthi ulungele ukudliwa, nokuba uyakhanukeka emehlweni, ingumthi onqwenelekela ukuqiqisa, wathabatha eziqhameni zawo, wadla; wanika nendoda yakhe inaye, yadla.    
Gênesis 3:7Aqabuka amehlo abo bobabini, bazi ukuba bahamba ze; bathunga amagqabi omkhiwane, bazenzela imibhinqo.    
Gênesis 3:8Basiva isandi sikaYehova uThixo, ehamba emyezweni empepheni yasemini; basuka bazimela uAdam nomkakhe ebusweni bukaYehova uThixo, phakathi kwemithi yomyezo.    
Gênesis 3:9UYehova uThixo wambiza uAdam, wathi kuye, Uphi na?    
Gênesis 3:10Wathi yena, Ndive isandi sakho emyezweni, ndasuka ndoyika, ngokuba ndihamba ze; ndazimela.    
Gênesis 3:11Wathi, Uxelelwe ngubani na, ukuba uhamba ze? Udlile na kuwo umthi, endakuwisela umthetho ngawo, ndathi, Uze ungadli kuwo?    
Gênesis 3:12Wathi uAdam, Umfazi owandinikayo ukuba abe nam, nguye ondinikileyo kuwo umthi, ndadla ke.    
Gênesis 3:13Wathi uYehova uThixo kumfazi, Yintoni na le nto uyenzileyo? Wathi umfazi, Inyoka indilukuhlile, ndadla ke.    
Gênesis 3:14Wathi uYehova uThixo kwinyoka, Ngokuba uyenzile le nto, uqalekisiwe wena ngaphezu kwezinto zonke ezizitho zine, neento zonke eziphilileyo zasendle; uya kuhamba ngesisu, udle uthuli, yonke imihla yobomi bakho.    

   
Veja também: CvvNet



Página anterior    [ 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 ]    Última página